7 Endleleni uthe uIsake kuyise: “Tata!”UAbraham wathi: “Thetha, nyana!”UIsake wathi: “Nanku umlilo, nanzi neenkuni; liphi ke lona ixhwane ledini?”
8-9 Uthe ukuphendula uAbraham: “Iya kubonwa nguThixo loo nto, mfo wam.”Batsho bahamba besiya kuloo ndawo yayalathwe nguThixo. Bakufika apho, uAbraham wenza iqonga lamadini, wabeka iinkuni ezo phezu kwalo, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka phezu kwezo nkuni.
10 Uthathe imela ukuze ambulale unyana wakhe.
11 Suka kwavakala isithunywa *sikaNdikhoyo simemeza sisezulwini sisithi: “Abraham! Abraham!”Yena ke uthe: “Ndim lo!”Sathi isithunywa kuye:
12 “Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.”
13 UAbraham wabheka-bheka, wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Waya kuyirhola, wenza ngayo idini endaweni yonyana wakhe.
14 UAbraham wathi loo ndawo yiYawe-yire. Unangoku kusathiwa xa kuthethwayo: “UNdikhoyo uyabonelela endulini yakhe.”