15 “Mhlekazi, laa mhlaba ziisiliva ezimakhulu mane kuphela; asinto loo nto kuwe nakum. Hamba uye kumngcwaba umkakho.”
16 UAbraham wavuma, waza wayibala loo mali yayifunwa nguEfron apho phambi kwabantu. Yaba ngamakhulu amane eesiliva ngokomlinganiselo wabarhwebi.
17-18 Wawufumana ngolo hlobo ke uAbraham umhlaba kaEfron owawuseMakapela ngasempumalanga yeMamre. Yayiyintsimi, umqolomba, kunye nemithi eyayikho. Yangqinwa loo nto ngawo onke amaHeti awayekuloo mbizo.
19 UAbraham wamngcwaba ke umkakhe uSara kuloo mqolomba eMakapela ngaseMamre eseHebron kwelaseKanana.
20 Loo mhlaba ke owawungowamaHeti kunye naloo mqolomba waba ngoka-Abraham, wangcwabela kuwo.