8 wathi: “Ukuba niyavuma ndimngcwabe apha umfikazi, ndiceleleni kuEfron unyana kaZoware
9 ukuba andithengisele laa mqolomba useMakapela; nankuya emdeni womhlaba wakhe. Ze nithi makandinike ngexabiso lawo, ukuze ndiwuthenge, ndingcwabe kuwo.”
10 UEfron wayehleli namanye amaHeti enkundleni yembizo yedolophu kuthe nqwadalala. Wenjenje ukuphendula, eviwa ngumntu wonke owayelapho:
11 “Hayi, mhlekazi, mandithi ndiyakunika laa mhlaba ndawonye naloo mqolomba ulapho. Loo nto ndiyithetha apha phambi kwamawethu, la athe thande apha; ndithi ndiyakunika laa mhlaba wakuthi; ungamngcwaba khona umfikazi.”
12 UAbraham wakhahlela kubantu balapho.
13 Waza wathi kuEfron, eviwa ngumntu wonke: “Ndiyakucela, ndiphe indlebe! Ndiza kukunika ixabiso lemali yalaa mhlaba. Yithathe le mali, ukuze nam ndixole, ndingcwabe khona umfikazi.”
14 Uthe uEfron: