1 UAbraham wathatha omnye umfazi ogama linguKetura.
2 UKetura wazala uZimran noYokeshan, uMedan noMidiyan, uIshbhaki noShuwa.
3 UYokeshan wazala uShebha noDedan. Ama-Ashuri la yinzala kaDedan, kunye namaLetushi namaLewumi.
4 Oonyana bakaMidiyan nguHefa noEfere, noHanoki, uAbhida noElda. Ngabazukulwana bakaKetura bebonke ke abo.
5 UAbraham walishiya kuIsake lonke ilifa lakhe.