33 Kuya kuba lula ke kamva ukuqonda xa ndibile. Uya kuthi uqonde ngaloo nto ke xa uze kuhlola ukuba ndibile na: xa uthe wafika ndingenazo iibhokhwe ezingcitha, kungekho nagusha imnyama, uya kwazi ukuba ndibile.”
34 Uthe uLabhan: “Sivene ke, mfo. Masenjenjalo ke.”
35 Kwangaloo mhla uLabhan wazahlula emihlambini zonke iinkunzi zeebhokhwe ezingcitha, kwakunye nezeegusha ezimnyama. Wathi mazaluswe ngoonyana bakhe,
36 bemka nawo loo mhlambi umgama owawunokuthathwa ngeentsuku ezintathu. UYakobi yena wasala neminye imihlambi kaLabhan.
37 UYakobi wagawula iipali ezisemanzi zepampiri, nezom-almondi, kunye nompleyini. Wazixoza amaxolo, kwavela iindawo ezimhlophe.
38 Wazigxumeka emijelweni kwezo ndawo kusela kuzo imihlambi. Loo nto wayenza kuba iinkunzi zazikhwela xa zize kusela.
39 Ezo mazi zeebhokhwe zazikhwelwa ngaphambi kwezo pali zazala amatakane angcitha.