26 ULabhan wathi kuYakobi: “Yintoni le uyenzileyo? Kutheni undikhohlisa nje, ude uqhube neentombi zam oku kwabathinjwa emfazweni?
27 Kutheni le nto usuka uzimele, ungatsho xa umkayo? Ukuba ubuxelile ngendikukhulule kakuhle, wenzelwa iingoma ngamagubu nangeehapu.
28 Akukhange undinike nethuba lokuba khe ndange abazukulwana bam neentombi zam, ndithi ndlela-ntle kubo. Hayi noko, bubudenge into oyenzileyo!
29 Ndingakwenza into embi ngoku. Kodwa phezolo uThixo kayihlo uthe ze ndingathethi nto kuwe.
30 Ndiyazi ukuba umkiswe kukukhumbula ikhaya, kodwa ke uyibele ntoni yona *imilonde-khaya yam?”
31 Uthe uYakobi: “Ndoyike ukuba undihluthe iintombi zakho.
32 Kodwa ke ukuba kukho umntu apha onayo imilonde-khaya yakho, maze abulawe lowo. Ngoku sikhoyo sonke khangelani nantoni na eyeyenu, niyithathe.” UYakobi wayengazi ukuba imilonde-khaya kaLabhan ibiwe nguRakeli.