30 Ndiyazi ukuba umkiswe kukukhumbula ikhaya, kodwa ke uyibele ntoni yona *imilonde-khaya yam?”
31 Uthe uYakobi: “Ndoyike ukuba undihluthe iintombi zakho.
32 Kodwa ke ukuba kukho umntu apha onayo imilonde-khaya yakho, maze abulawe lowo. Ngoku sikhoyo sonke khangelani nantoni na eyeyenu, niyithathe.” UYakobi wayengazi ukuba imilonde-khaya kaLabhan ibiwe nguRakeli.
33 ULabhan waya kukhangela ententeni kaYakobi, wadlulela nakwekaLeya, waya nakweyeempelesi zeentombi zakhe, akafumana nto apho. Wesuka apho waya ententeni kaRakeli.
34 URakeli wayeseleyithathile imilonde-khaya wayifaka engxoweni, wahlala phezu kwayo. Wakhangela wagqogqa yonke indawo uLabhan, akayifumana noko.
35 URakeli uthe kuyise: “Akuyi kukhathazeka, mhlekazi, xa ndingasukumiyo. Kaloku ndiya exesheni.” Wagqogqa uLabhan, wabuya ze nalapho engayifumananga imilonde-khaya yakhe.
36 UYakobi wangcangcazela ngumsindo, wathi: “Uthi yintoni le imbi ndiyenzileyo? Mthetho wuphi lo ndiwaphuleyo ukugunyazisa ukuba uzingelane nam?