31 Uthe uYakobi: “Ndoyike ukuba undihluthe iintombi zakho.
32 Kodwa ke ukuba kukho umntu apha onayo imilonde-khaya yakho, maze abulawe lowo. Ngoku sikhoyo sonke khangelani nantoni na eyeyenu, niyithathe.” UYakobi wayengazi ukuba imilonde-khaya kaLabhan ibiwe nguRakeli.
33 ULabhan waya kukhangela ententeni kaYakobi, wadlulela nakwekaLeya, waya nakweyeempelesi zeentombi zakhe, akafumana nto apho. Wesuka apho waya ententeni kaRakeli.
34 URakeli wayeseleyithathile imilonde-khaya wayifaka engxoweni, wahlala phezu kwayo. Wakhangela wagqogqa yonke indawo uLabhan, akayifumana noko.
35 URakeli uthe kuyise: “Akuyi kukhathazeka, mhlekazi, xa ndingasukumiyo. Kaloku ndiya exesheni.” Wagqogqa uLabhan, wabuya ze nalapho engayifumananga imilonde-khaya yakhe.
36 UYakobi wangcangcazela ngumsindo, wathi: “Uthi yintoni le imbi ndiyenzileyo? Mthetho wuphi lo ndiwaphuleyo ukugunyazisa ukuba uzingelane nam?
37 Kukho nto yendlu yakho oyifumeneyo apha wakugqiba ukugqogqa umzi wam? Yirhole ibonwe ngala madoda uhamba nawo nala am, khon' ukuze alathe oyena wonileyo: indim, inguwe.