1 UYakobi uhambile naye, waza wahlangana nezithunywa zikaThixo endleleni.
2 Uthe akuzibona wavakala esithi: “Ngumkhosi kaThixo lo,” waza wathi loo ndawo yiManayim igama layo.
3 UYakobi wathumela izigidimi ngaphambili ukuba ziye kumntakwabo uEsawu eSeyire, e-Edom.
4 Wathi ze zithi kuye: “Mna, Yakobi, sicaka sakho, ndazisa wena, nkosi yam Esawu, ukuba bekhe ndahlala kwaLabhan, ndaza ndabambezeleka apho kwada kwakalokunje.
5 Ndiza neenkomo neegusha, iidonki neebhokhwe, kwakunye nezicaka. Ndithumela lo myalezo ke, mhlekazi, ndinethemba lokuba uya kundamkela.”
6 Ukubuya kwazo izigidimi zikaYakobi, zafika zathi: “Simbonile uEsawu umntakwenu; selesendleleni ekukhawulelayo. Uza namakhulu amane amadoda.”
7 Wothuka wakhathazeka uYakobi; waza wabahlula bangamaqela amabini abantu bakhe, ngokunjalo neegusha, neenkomo, neebhokhwe, kwaneenkamela.