10 Ububele ondenzele bona, nokunyaniseka kwakho, akundifanele, Nkosi. Ndayiwela iJordan ndingenanto, ndiphethe umsimelelo kuphela. Ngoku ndibuya ndihamba nala maqela mabini.
11 Ndihlangule ke kumntakwethu uEsawu, ndiyakubongoza. Ndinoloyiko hleze asihlasele asitshabalalise sonke, umntwana nonina.
12 Khumbula ke ukuba wathembisa ukuba konke kondilungela, wathembisa nokuba wondipha inzala engenakubalwa bani, ebuninzi bungangobentlabathi elunxwemeni lolwandle.”
13 Ngengomso uYakobi wakhetha kuloo mhlambi wakhe ezo wayeza kuzipha umntakwabo uEsawu:
14 iimazi zeebhokhwe zaba ngamakhulu mabini, iinkunzi zangamashumi mabini; amakhulu mabini eemazi zeegusha, namashumi mabini eenkunzi zeegusha,
15 amashumi amathathu eemazi zeenkamela namankonyane azo; kunye namashumi mane eemazi zeenkomo, kunye neshumi leenkunzi; namashumi mabini eemazi zeedonki; kunye neenkunzi ezilishumi.
16 Wazahlula-hlula zayimihlambi, waza umhlambi ngamnye wakhokelwa sisicaka. Wathi mazihambe ngaphambili, zishiye isithuba phakathi komhlambi ngamnye.