1 UYakobi wambona uEsawu esiza namakhulu amane amadoda, waza abantwana wabahlula-hlula phakathi koLeya noRakeli namaqadi abo omabini.
2 Wabeka amaqadi nabantwana bawo ngaphambili, weza noLeya nabantwana bakhe, kwaza ekugqibeleni yanguRakeli noJosefu.
3 UYakobi wayengaphambi kwabo, ekhahlela kwada kwakasixhenxe njengokuba wayesiya esondela kumntakwabo.
4 UEsawu wakhawuleza ukuya kuye, waziphosa kuye, wamgona, wamanga. Balila bobabini.
5 Akusinga-singa uEsawu, wabona abo bafazi nabo bantwana, wabuza wathi: “Ngoobani aba uhamba nabo?”“Mhlekazi, ngabantwana endibaphiwe nguThixo,” utshilo uYakobi.
6 Eza amaqadi nabantwana bawo, afika akhahlela.