5 Akusinga-singa uEsawu, wabona abo bafazi nabo bantwana, wabuza wathi: “Ngoobani aba uhamba nabo?”“Mhlekazi, ngabantwana endibaphiwe nguThixo,” utshilo uYakobi.
6 Eza amaqadi nabantwana bawo, afika akhahlela.
7 Kwalandela uLeya nabakhe abantwana, kwaza kwagqibela uJosefu noRakeli, nabo bakhahlela.
8 UEsawu uthe: “Yona laa mihlambi ndihlangene nayo endleleni?”Uthe ukuphendula uYakobi: “Bendiyithumela ukuza kundicengela kuwe, mhlekazi.”
9 Uthe uEsawu: “Ndinemfuyo ngokwaneleyo, mfo wethu; gcina izinto zakho.”
10 UYakobi wathi: “Ndincede, zithathe ukuba uyasamkela isicengo sam. Xa ndibona ubuso bakho, ngathi ndibona ubuso bukaThixo, ingakumbi ngoku sowundamkele ngobubele.
11 Zithathe kaloku ezi zipho ndikuphathele zona. UThixo undenzele ububele, wandipha yonke into ebendiyifuna.” UYakobi wamcenga uEsawu, wada woyisakala wazithatha ezo zipho.