13 Ngenxa yokuba uShekem wayeselemhlazisile udade wabo uDayina, oonyana bakaYakobi babaphendula ngelibaqhathayo ooShekem noyise uHamore,
14 benjenje: “Asinakumendisela kumntu ongalukanga udade wethu. Into enjalo ingalihlazo.
15 Singavuma xa nina, kunye nawo onke amadoda alapha, nisaluka, nifane nathi.
16 Nolwendiselwano olu nina nithetha ngalo singalwamkela phantsi kwaloo mqathango kuphela, sihlale phakathi kwenu, sibe ngabantu abanye.
17 Kodwa ke ukuba anivumelani nathi ngale ndawo, siya kumthatha udade wethu, sifuduke apha.”
18 Yavakala ilungile imihle le miqathango kuHamore nakunyana wakhe uShekem.
19 UShekem akapholisanga maseko, ngenxa yokuba wayemthanda uDayina intombi kaYakobi. UShekem wayexatyiswe kakhulu kowabo.