22 Kodwa abaya bantu bathi bohlala phakathi kwethu, sibe ngabantu abanye, ngaphantsi komqathango omnye: lo wokuba onke amadoda aluke, afane nabo.
23 Anithi ke izinto zabo nemfuyo yabo yonke ayingebi yeyethu xa kunjalo? Masivumelane ke nabo, bahlale nathi.”
24 Laba linye kumntu wonke kubemi baloo dolophu, aza onke amadoda aluka.
25 Emva kweentsuku ezintathu, xa kanye onke amadoda aqhanile ziintlungu, oonyana ababini bakaYakobi, abanakwabo-Dayina, uSimon noLevi, bathatha amakrele abo, bangena esixekweni, bengarhanelwa bani, bafika bawabulala onke amadoda
26 kunye noHamore noShekem. Baya kuthatha uDayina kwaShekem, bemka naye.
27 Emva koko abanye oonyana bakaYakobi bangena edolophini, bayiphanga, bekhupha isixhiba ngenxa yokunyeliswa kodade wabo.
28 Bemka neegusha, neenkomo, needonki, babutha konke esixekweni nasemadlelweni.