28 Bemka neegusha, neenkomo, needonki, babutha konke esixekweni nasemadlelweni.
29 Yonke into enexabiso bahamba nayo, bathatha bonke abafazi nabantwana kunye nempahla yezindlu.
30 UYakobi wathi kuSimon noLevi: “Nina nindibangela ingxwaba-ngxwaba ngale nto. Ngoku ndiza kucatshukelwa ngabantu bonke, amaKanana kunye namaPerezi. Andinamadoda maninzi mna. Ukuba bona banokudibana bandihlasele ungatshabalala wonke umzi wam.”
31 Bamphendula ngelithi: “Besingenakuyeka udadethu aphathwe njengehenyukazi.”