5 Weva uYakobi ukuba intombi yakhe yonakele. Kodwa ngenxa yokuba babengekho oonyana bakhe, besemadlelweni, akazange enze nto kwada kwabuya bona.
6 Uyise kaShekem uHamore waya kuthetha noYakobi.
7 Kwakuxa kanye babuyayo emadlelweni oonyana bakaYakobi. Bothuka, bakhathazeka kakhulu bakuyiva into embi kangaka eyenziwe nguShekem yokunyelisa amaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, nto leyo ingenziwayo kwaSirayeli.
8 UHamore wenjenje ebhekisa kuYakobi: “Unyana wam uShekem uyayithanda le ntombi yakho. Ndiyakucela ke, mvumele ayithathe.
9 Masivane thina kwinto yokuba abantu bethu bendiselane.
10 Nawe ke ungema naphi na kulo mhlaba wakowethu, urhwebe nokurhweba kangangoko uthanda, ufuye nempahla.”
11 Uthe ke yena uShekem kuYakobi noonyana bakhe: “Ndikhululeleni le ntombi. Ndiya kuhlawula nantoni na eniyifunayo.