1 UYakobi wayehlala eKanana, kwelo lizwe wayemi kulo uyise ngaphambili.
2 Nanga amagqabantshintshi ngoYakobi.Akuba yinkwenkwe eneshumi linesixhenxe leminyaka ubudala, uJosefu wayedla ngokuhamba nabakhuluwa bakhe abangoonyana bakaBhiliya noZilipha, amaqadi kayise, baye kwalusa impahla. Wayedla ngokubaxela kuyise ngezinto ezingekho mgaqweni ababezenza.
3 USirayeli wayemthanda ngaphezu kwabo bonke abantakwabo uJosefu, kuba yena wavela selaluphele uSirayeli. Wamenzela ingubo embeje-mbeje.
4 Bathi abantakwabo bakuphawula ukuba uyise umthanda ukugqitha bona uJosefu, bamthiya kangangokude bangakwazi nokuthetha kakuhle naye.