2 Nanga amagqabantshintshi ngoYakobi.Akuba yinkwenkwe eneshumi linesixhenxe leminyaka ubudala, uJosefu wayedla ngokuhamba nabakhuluwa bakhe abangoonyana bakaBhiliya noZilipha, amaqadi kayise, baye kwalusa impahla. Wayedla ngokubaxela kuyise ngezinto ezingekho mgaqweni ababezenza.
3 USirayeli wayemthanda ngaphezu kwabo bonke abantakwabo uJosefu, kuba yena wavela selaluphele uSirayeli. Wamenzela ingubo embeje-mbeje.
4 Bathi abantakwabo bakuphawula ukuba uyise umthanda ukugqitha bona uJosefu, bamthiya kangangokude bangakwazi nokuthetha kakuhle naye.
5 Ngabusuku buthile uJosefu waba nephupha, athe akulilawula kubakhuluwa bakhe, bamthiya ngakumbi.
6 Wathi kubo: “Khanive ndinixelele iphupha lam.
7 Ndiphuphe sisemasimini, sibopha izithungu zengqolowa. Suka esam isithungu sema nkqo, zaza ezenu zeza kusingqonga, zakhahlela kuso.”
8 Bathe abakhuluwa bakhe: “Ngaba uba uza kuba yikumkani, size thina silawulwe nguwe?” Loo nto yelo phupha yamenza wanetyheneba kubo, nangenxa yeentetho zakhe.