17 Uthe uJuda: “Ndakuthumela itakane lebhokhwe.”UTamare uthe: “Kulungile ukuba undinika isibambiso ndisigcine kude kufike elo takane.”
18 “Ndikunike sibambiso sini?” ubuze watsho uJuda.Uthe uTamare: “Ndinike eso siphawulo sakho kunye nomtya waso, naloo msimelelo wakho.” Wamnika ke uJuda. Balala, wathatha uTamare.
19 Wagoduka, wafika wothula eso sigqubuthelo wayesithwele, wanxiba impahla yakhe yokuzila.
20 UJuda wathumela uHira ugxa wakhe ukuba ase elo takane, aze athathe ezo zinto wayebambise ngazo kuloo mfazi. Kodwa akazange amfumane loo mfazi uHira.
21 Wabuza kubafo abathile base-Enayim wathi: “Liye phi elaa henyukazi laliba secaleni kwendlela?”Bathi ke bona: “Akuzange kubekho henyukazi apha.”
22 Wabuyela kuJuda, wathi: “Andimfumananga; yaye namadoda alapho athi akuzange kubekho henyukazi apho.”
23 Wathi uJuda: “Akukho nto; masezihlala kuye ezo zinto zam. Nto nje andifuni kuba yintlekisa ebantwini. Kambe mna ndilingile ukuhlawula, kodwa lona ihenyukazi alifumaneki.”