16 Zakuvakala komkhulu iindaba zokuba uJosefu ufikelwe ngabantakwabo, ukumkani namaphakathi bavuya.
17 Wathi kuJosefu: “Xelela abantakwenu ukuba balayishe ukutya kwabo, baye eKanana,
18 bafike apho baxelele uyihlo kunye neentsapho zenu ukuba bafudukele eJiputa. Ndobanika eyona ndawo ilungileyo kwelaseJiputa ukuba bahlale khona, babe nenxaxheba kwindyebo yalapha.”
19 Wathi mabathathe neenqwelo zokufudusa iintsapho zabo, beze naye noyise.
20 Watsho esithi: “Ze ningazixhamli ngezinto eziya kusala eKanana; niza kuzuza ezona zixabisekileyo apha eJiputa.”
21 Benza njengoko babeyalelwe oonyana bakaSirayeli. Banikwa iinqwelo nguJosefu ngokomyalelo kakumkani, kwakunye nomphako.
22 Elowo wamnika iimpahla ezintsha zokunxiba, kodwa yena uBhenjamin wamnika amakhulu amathathu eesiliva neempahla zaphindwa kahlanu kwezabanye.