6 Xa uthe wazala nyana bambi, abo ke abayi kuba ngabam. Elabo ilifa bolizuza ngoManase noEfrayim.
7 Le nto ndiyenza ngenxa kanyoko uRakeli. Ndaba buhlungu kakhulu ukubhubha kwakhe eKanana, kufuphi ne-Efrata, xa ndandivela ePadan. Ndamngcwaba apho ngakuloo ndlela iya e-Efrata.” (IEfrata yaziwa ngokuba yiBhetelehem.)
8 Uthe uSirayeli akubona oonyana bakaJosefu: “Ngoobani la makhwenkwe?”
9 Uthe kuyise uJosefu: “Aba ngoonyana bam, andiphe bona uThixo apha eJiputa.”Uthe yena: “Basondeze kum, ndibathamsanqelise.”
10 USirayeli wayeselebona luzizi, kuba wayeselaluphele, engasaboni kakuhle ke ngoko. Wabasondeza ke uJosefu oonyana bakhe, uSirayeli wabanga.
11 Uthe uYakobi kuJosefu: “Bendingasatsho ukuba ndingabuya ndikubone, kodwa uThixo wenze ukuba ndibone nabantwana bakho.”
12 UJosefu ubasusile kuyise, waqubuda phambi koyise eqondele phantsi.