1 UJosefu waziphosa phezu koyise ekhala, wamanga.
2 Emva koko wayalela oogqirha ukuba bawuqhole umzimba kayise, ukuze ungonakali. Benjenjalo ke, bamqhola uSirayeli,
3 yaza loo nto yathatha amashumi amane eentsuku ukwenziwa. Kambe ke lixesha eliqhelekileyo laloo nto elo. AmaJiputa amzilela amashumi asixhenxe eentsuku uYakobi.
4 Lakuba lidlule ilixa lenzila, uJosefu wanikela oomaqhuzu bakomkhulu umyalezo oya kukumkani.
5 Wathi maze bathi kukumkani: “Xa wayeza kubhubha ubawo wayalela mna Josefu, endifungisa ukuba maze ndimngcwabe kwingcwaba awazilungiselela lona eKanana.” Wathi makancede ke ukumkani amvumele aye kungcwaba uyise, uya kubuya abuye.
6 Ukumkani wathi kuJosefu: “Hamba uye kungcwaba uyihlo njengoko wawumthembisile ngesifungo.”