18 Bathi ke, abantakwabo beze buqu, bafika bakhahlela, bathi: “Thina sizizicaka zakho.”
19 Suka uJosefu wathi: “Musani ukuxhala, andingoThixo mna.
20 Ewe, nanizimisele ukundenzakalisa, kodwa uThixo yena walijika elo yelenqe labubuhle, khon' ukuze kusinde abantu abaninzi abaphilayo ngoku ngenxa yeso senzo senu.”
21 Watsho esithi: “Musani ukoyika, ndiza kunigcina nina kunye nabantwana benu.” Wabathuthuzela ngamazwi atsho laphela ixhala.
22 UJosefu wahlala eJiputa kunye nosapho lukayise, wada wabhubha enekhulu lineshumi leminyaka.
23 Wahlala wada wabona nabantwana bakaEfrayim kwakunye nabantwana babo. Wahlala wada nabantwana bakaMakire unyana kaManase wabangenisa baba yimilowo.
24 Wayolela kubantakwabo uJosefu wathi: “Sendiza kubhubha, kodwa yena uThixo uza kunigcina ade anikhuphe kweli lizwe, anise kwilizwe awalithembisa oobawo uAbraham noIsake noYakobi.”