19 Aphakama amanzi, ada agubungela nezona ziphakamileyo iintaba kulo lonke elimiweyo;
20 anyuka ada aziimitha ezisixhenxe ukusuka encochoyini yeentaba.
21 Kwafa yonke into ephilayo elizweni. Kwafa iintaka, kwafa imfuyo, kwafa iinyamakazi, kwafa nabantu.
22 Kwafa yonke into ephefumlayo elizweni.
23 Kwatshatyalaliswa yonke into ephilayo elizweni: abantu, neenyamakazi, neentaka. Kwasala uNowa kunye nabo babesenqanaweni kunye naye.
24 Kwada kwaba likhulu linamashumi mahlanu eentsuku engathothi loo manzi.