13 Kuthe ke xa uNowa wayemakhulu mathandathu ananye ubudala, ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, aba seletshonile amanzi emhlabeni. Wawuvula umnyango wenqanawa uNowa, wakhangela ngaphandle macal' onke, wawubona umhlaba womile.
14 Ngomhla wamashumi mabini anesixhenxe, ngenyanga yesibini, laliselome khonkqo ilizwe.
15 UThixo wathi kuNowa:
16 “Phuma enqanaweni kunye nomkakho, noonyana bakho, kunye nabafazi babo.
17 Zikhuphe zonke izidalwa ezisenqanaweni, iintaka neenyamakazi, nezinto ezirhubuluzayo, ukuze ziqhame, zande, zizalise ihlabathi.”
18 Waphuma ke uNowa enqanaweni kunye nomkakhe, noonyana bakhe, kunye nabafazi babo.
19 Zonke izidalwa ezishukumayo, iintaka nezilwanyana nezinto ezirhubuluzayo, zaphuma enqanaweni ngokweendidi zazo.