3 Aya ethotha amanzi kwada kwaziintsuku ezilikhulu linamashumi mahlanu.
4 Ngomhla weshumi elinesixhenxe wenyanga yesixhenxe inqanawa yaya kuma phezu kweentaba zeArarati.
5 Aya ephela amanzi, kwathi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi zathi thu iincopho zeentaba.
6 Emva kwamashumi amane eentsuku uNowa wavula ifestile yenqanawa,
7 wakhupha ihlungulu. Lona lamana ukuphaphazela libheka ngapha nangapha, ada atshona amanzi emhlabeni.
8 UNowa wandulula ihobe ukuya kuhlola ukuba atshile na amanzi.
9 Kodwa alizanga lifumane ndawo yakuhlala ihobe, laza labuyela kuye enqanaweni, kuba umhlaba wawusagqunywe ngamanzi. Wolula isandla uNowa, walibamba, walingenisa enqanaweni.