14-15 Nanini na xa lisibekele, amafu eziingqimba, ndowukhumbula lo mnqophiso wam kwakuvela umnyama. Nditsho lo mnqophiso ndiwenzele wena nazo zonke izinto eziphilayo, ndisithi andisobe ndilitshabalalise ilizwe kwakhona ngemvula.
16 Wakuvela umnyama emafini, ndiwubone, ndokhumbula umnqophiso ongasoze ujike endiwuthembise zonke izinto eziphilayo elizweni.
17 Nguwo ke lowo umqondiso womnqophiso endiwenzela yonke into ephilayo.”
18 UNowa waphuma enqanaweni noShem noHam noYafete oonyana bakhe. (UHam nguyise kaKanana.)
19 Oonyana bakaNowa bobathathu ngookhokho babo bonke abantu elizweni.
20 UNowa owayengumlimi waqala ngokulima umdiliya.
21 Akuba esele iwayini uNowa wanxila, wakhulula, walala ze egumbini lakhe.