10 Kaloku *uNdikhoyo uThixo wenu unandise nayinyambalala enjengeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni.
11 Kambe ke uNdikhoyo uThixo wookhokho benu wanga anganandisa kaliwaka, anithamsanqelise ngokwesithembiso sakhe!
12 Kodwa ke, uxanduva olungaka lokusombulula amaqhina anixakayo ndingaluthwala njani ndedwa? Nditsho imithwalo yenu neembambano zenu.’
13 Kungoko ke ndathi: ‘Kwindlu nganye khethani amadoda azizilumko ezaziwayo, amadoda anamava, ukuze ndiwamisele ajongane nezidla umzi.’
14 Ke nina naphendula nathi: ‘Kuhle oku uceba ukukwenza.’
15 Ngoko ke ndawathatha loo madoda azizilumko anamava naniwakhethe ngokwezindlu zenu, ndawamisela ukuba ajongane neengxaki zenu. Ndawamisa ke ajongana namaqela angabantu abangamawaka, amakhulu, namashumi ngamahlanu, namashumi ngamanye. Ngokwenjenjalo ndaba ndinimisela amagosa ngokwezindlu zenu zonke.
16 “Ngelo xesha ke ndabayalela abaphicotha iimbambano ezivelayo phakathi kwenu, ndathi: ‘Umcimbi ngamnye ze niwuphicothe ningenaxanasi, noba ngowamaSirayeli odwa okanye ngowomSirayeli nomngeneleli.