16 “Ngelo xesha ke ndabayalela abaphicotha iimbambano ezivelayo phakathi kwenu, ndathi: ‘Umcimbi ngamnye ze niwuphicothe ningenaxanasi, noba ngowamaSirayeli odwa okanye ngowomSirayeli nomngeneleli.
17 Ze ningakhethi buso xa nigwebayo, koko ze nigwebe ulowo nalowo, noba ungubani na, ngokufanayo. Ze ningabi nadyudyu, ningoyiki mntu, kuba nigweba ngegunya likaThixo. Ke yona imicimbi enoyisayo ze niyizise kum, ndiyigwebe ngokwam.’
18 Kwangelo thuba ke ndaniyalela yonke into enimelwe kukuyenza.”
19 “Ke kaloku senza ngokomlomo *kaNdikhoyo, sanduluka entabeni iHorebhe, sacanda kweso sidikidiki sentlango eyoyikekayo, sajonga kweleentaba kuma-Amori. Sathi ke sakufika eKadeshe-bhaneya
20 ndathi ke mna: ‘Ngoku nifikile kumhlaba weentaba kwelama-Amori, mhlaba lowo asinika wona uNdikhoyo uThixo wethu.
21 Niyabona, uNdikhoyo uThixo wenu, uninike lo mhlaba. Ngoko ke hambani niwuthathe, nime kuwo, njengoko uNdikhoyo uThixo wookhokho aniyalelayo. Sanukuba nexhala okanye noyike.’
22 “Kambe ke nina nonke neza kum, nathi: ‘Masithumele iintlola, ziye kuwujonga umhlaba, zisicebise ngeyona ndlela singayithathayo, futhi zisicebise nangokuma kweedolophu zakhona.’