12 “Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze *uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke,
13 nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni.
14 Kaloku amazulu, nditsho amazulu awo amazulu, ngakaNdikhoyo uThixo wenu, nehlabathi lelakhe, ngokunjalo nako konke okukulo.
15 Kambe ke uNdikhoyo ooyihlo wabathanda, wathi nca kubo, wanyula nina sizukulwana sabo kuzo zonke iintlanga, njengoko kusenjalo unanamhla.
16 Ngoko ke mthobeleni ngomxhelo uNdikhoyo, nahlukane neenkani.
17 Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu nguThixo woothixo, iNkosi yeenkosi; nguThixo oyingangamsha; uyingangalala ehloniphekileyo engakhethi cala, ibe ke akanyobeki.
18 Yena uyazikhusela iinkedama ndawonye nabahlolokazi. Nabangeneleli uyabathanda, ababonelele ngokutya nangempahla yokunxiba.