13 Amadini atshiswayo akufuneki niwenzele naphi na apho nithanda khona,
14 koko kufuneka niwenzele kuloo ndawo ayinyulileyo uNdikhoyo kumhlaba wenye yezindlu zenu. Amadini enu atshiswayo nowenzela kuloo ndawo kuphela, ngokunjalo ke nazo zonke izinto endiniyalele ukuba nizenze.
15 “Kambe ke nikhululekile ukuba nixhele kwimfuyo yenu, niyixhelele naphi na apho nihlala khona. Ningatya kangangoko nithamsanqeliswa nguNdikhoyo. Xa ninonke abahlambulukileyo nabangahlambulukanga bangayitya inyama leyo kwanjengokuba nisenza kweyebhadi okanye inxala.
16 Ke lona igazi ningaze nilitye, koko lichitheni phantsi oku kwamanzi.
17 Into eniyinikela kuNdikhoyo mayingatyelwa apho nihlala khona; ngokunjalo nezishumi zengqolowa, iwayini entsha, namafutha omnquma, noba ngamazibulo eenkomo okanye aweegusha, nezipho enibhambathise ngazo kuNdikhoyo, okanye ezokuqhutywa yintliziyo, kanti ke nawuphi na umnikelo.
18 Le minikelo kufuneka niyityele phambi koNdikhoyo uThixo wenu, kuloo ndawo ayinyulele ukuzinziswa kwegama lakhe. Yona ke mayityiwe nini nabantwana, izicaka ngokunjalo nabaLevi enihlala nabo, nikuxhamle ngokonwaba ukubulaleka kwenu.
19 Ke bona abaLevi ningaze nibalahle nanini na xa nisahleli kwelo lizwe.