16 Ke lona igazi ningaze nilitye, koko lichitheni phantsi oku kwamanzi.
17 Into eniyinikela kuNdikhoyo mayingatyelwa apho nihlala khona; ngokunjalo nezishumi zengqolowa, iwayini entsha, namafutha omnquma, noba ngamazibulo eenkomo okanye aweegusha, nezipho enibhambathise ngazo kuNdikhoyo, okanye ezokuqhutywa yintliziyo, kanti ke nawuphi na umnikelo.
18 Le minikelo kufuneka niyityele phambi koNdikhoyo uThixo wenu, kuloo ndawo ayinyulele ukuzinziswa kwegama lakhe. Yona ke mayityiwe nini nabantwana, izicaka ngokunjalo nabaLevi enihlala nabo, nikuxhamle ngokonwaba ukubulaleka kwenu.
19 Ke bona abaLevi ningaze nibalahle nanini na xa nisahleli kwelo lizwe.
20 “Uya kuthi ke uNdikhoyo uThixo wenu akuwandisa umhlaba wenu ngokwesithembiso sakhe, nixhele nitye inyama nanini na nifuna.
21 Ukuba indawo leyo yonqulo ikude, ningaxhela kwimfuyo yenu, nityele apho emakhaya ngokuthanda kwenu ngokomyalelo kaNdikhoyo njengoko ndanichazelayo.
22 Nabani na angayitya le nyama, ehlambulukile okanye engahlambulukanga, kwanjengokuba niyitya inyama yebhadi okanye eyenxala.