19 Ke bona abaLevi ningaze nibalahle nanini na xa nisahleli kwelo lizwe.
20 “Uya kuthi ke uNdikhoyo uThixo wenu akuwandisa umhlaba wenu ngokwesithembiso sakhe, nixhele nitye inyama nanini na nifuna.
21 Ukuba indawo leyo yonqulo ikude, ningaxhela kwimfuyo yenu, nityele apho emakhaya ngokuthanda kwenu ngokomyalelo kaNdikhoyo njengoko ndanichazelayo.
22 Nabani na angayitya le nyama, ehlambulukile okanye engahlambulukanga, kwanjengokuba niyitya inyama yebhadi okanye eyenxala.
23 Inyama emaningayityi yenegazi; kaloku ubomi busegazini, ibe ke akufuneki nitye inyama ndawonye nobomi.
24 Ke lona igazi ningaze nilitye, koko lichitheni phantsi oku kwamanzi.
25 Ukuba niyazikhwebula ekutyeni igazi uNdikhoyo uya kukholiseka nini, futhi ke kulunge kuni, ngokunjalo nakwizizukulwana zenu.