6 “Nkqu nomntakwenu, noba ngunyana okanye intombi, mhlawumbi umfazi wakho omthandayo, noba sisihlobo sakho esisenyongweni, singakulukuhla sikukhuthaze ngasese ngelithi: ‘Masiye kunqula thixo bambi’ – thixo abo ongabaziyo nabangazange banqulwe nangooyihlo-mkhulu,
7 oothixo bezizwe eziningqongileyo okanye abo bezizwe ezisekudeni.
8 Kambe ke ungaze umqhelisele nakancinci; ungamphulaphuli. Ungaze ube nalusini nanceba kuye; ungaze umqume.
9 Mbulale nya; mayibe nguwe kanye ophambili, baze ke nabanye bakulandele.
10 Ewe, mgibisele ngamatye umbulale, kuba ebezama ukukuqweqwedisa, khon' ukuze umlahle uNdikhoyo uThixo wakho owakukhulula ulikhoboka eJiputa.
11 Aya kuthi ke akuyiva loo nto, atsho onke amaSirayeli oyike, kungaze kubekho mntu phakathi kwenu ulenzayo isikizi elinjalo.
12 “Xa senihlala kwezo zixeko aniphe zona uNdikhoyo uThixo wenu, kungenzeka nive