7 oothixo bezizwe eziningqongileyo okanye abo bezizwe ezisekudeni.
8 Kambe ke ungaze umqhelisele nakancinci; ungamphulaphuli. Ungaze ube nalusini nanceba kuye; ungaze umqume.
9 Mbulale nya; mayibe nguwe kanye ophambili, baze ke nabanye bakulandele.
10 Ewe, mgibisele ngamatye umbulale, kuba ebezama ukukuqweqwedisa, khon' ukuze umlahle uNdikhoyo uThixo wakho owakukhulula ulikhoboka eJiputa.
11 Aya kuthi ke akuyiva loo nto, atsho onke amaSirayeli oyike, kungaze kubekho mntu phakathi kwenu ulenzayo isikizi elinjalo.
12 “Xa senihlala kwezo zixeko aniphe zona uNdikhoyo uThixo wenu, kungenzeka nive
13 ukuba kukho zinkewu zilulahlekisileyo uhlanga apho esixekweni, zisithi: ‘Masiye kunqula abanye oothixo’ – thixo abo eningabaziyo.