28 Ukutya namanzi esiwasebenzisileyo siya kuwahlawula. Kuphela into esiyifunayo kukugqitha nje emhlabeni wakho,
29 side siye kuwela umlambo iJordan, singene kwilizwe esiliphiwe *nguNdikhoyo uThixo wethu. Ke yona inzala kaEsawu eseSeyire ndawonye namaMowabhi aseAra asivumele ukuba sicande emhlabeni wawo.’
30 “Kambe ke ukumkani uSihon wala ukuba sicande emhlabeni wakhe. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu wayemenze wanenkani waqaqadeka, khon' ukuze simoyise siwuthathe lo mhlaba wakhe simi kuwo unangoku.
31 “UNdikhoyo ke wathetha nam, wathi: ‘Uyabona ke, ukumkani uSihon sendimgqibile; akusekho yakhe. Ngoko ke ngenani niwuthathe umhlaba wakhe, nime kuwo.’
32 Ke kaloku ukumkani uSihon waphuma nawo wonke umkhosi wakhe, weza kulwa nathi ngaseJaza.
33 Kambe ke yena uNdikhoyo uThixo wethu wamnikela kuthi, samoyisa noonyana bakhe nawo wonke umkhosi wakhe.
34-35 Ngokunjalo ke sahlasela satshabalalisa kuzo zonke iidolophu, amadoda, abafazi, ndawonye nabantwana, asashiya nempunde le. Iidolophu sazitshabalalisa; ke sathimba kuphela iinkomo namanye amaxhoba.