5 kambe ke ze nizilumkele ningawaqali, kuba kaloku andiyi kuninika nomhlathana lo kumhlaba wawo. Intaba yeSeyire ndayinika uEsawu nenzala yakhe.
6 Ukutya namanzi wathengeni kubo xa nidlulayo.” ’
7 “Khumbulani kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unithamsanqele kuko konke enikwenzileyo. Unilondolozile ngalo lonke uhambo lwenu kwesi sithabazi sentlango. Kula mashumi mane eminyaka uNdikhoyo uThixo wenu ebenani, anaswela nto.
8 “Ngoko ke sanduluka, sagqitha eSeyire, nditsho kumhlaba wamawethu inzala kaEsawu, sayishiya indlela yasentlango ephuma e-Elati nase-Eziyon-gebhere eya kuLwandle oluFileyo, sajika sasinga kwintlango yaseMowabhi.
9 UNdikhoyo wandiyala wathi: ‘Uze ungawabandezeli uwaqale amaMowabhi, inzala kaLothe, kuba ndiwaphe idolophu yaseAra. Ke andiyi kukunika nendawana le kumhlaba wawo.’
10 “Apho ke eAra kwakumi uhlanga olomeleleyo, kusithiwa ngamaEma. Nawo ayeziingxilimbela njengama-Anaki.
11 Kwanjengama-Anaki nawo kwakusithiwa ngamaRafa, kambe ke wona amaMowabhi ayesithi ngamaEma.