3 ‘Hoyina, maSirayeli! Namhla ilizwe lifile! Kambe ke sanukuba nantaka, ningabi nadyudyu! Musan' ukuphaphazela!
4 Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu uya kuba nani; nguye oza kunilwela anithwes' uloyiso.’
5 “Ke zona iinduna ziya kubhekisa emkhosini zithi: ‘Ngaba kukho ndoda na apha kuni esandula ukwakha indlu, kodwa ingekayivuli? Xa kunjalo ke lowo makabuy' umva agoduke. Kungenjalo, xa athe akabuya emfazweni, loo ndlu yakhe iya kuvulwa mntu wumbi.
6 Ngaba kukho indoda esandula ukutyala isidiliya, kodwa ingekavuni kuso? Xa kunjalo ke leyo mayibuy' umva; kungenjalo, xa ithe ayabuya emfazweni, loo wayini yayo iya kuxhanyulwa mntu wumbi.
7 Ngaba kukho indoda elobolayo na apha phakathi kwenu? Xa ikho mayibuye umva; hleze ithi xa kwenzekile ayabuya emfazweni, lowo owayeza kuba ngumkayo atshatwe yindoda yimbi.’
8 “Kwakhona iinduna ziya kubuzisa zithi: ‘Ngaba kukho indoda enentliziyo kanina na apha? Xa kunjalo ke mayibuy' umva, hleze isulele namanye.’
9 Ziya kuthi ke zakukhov' ukwenjenjalo iinduna ezo, ibutho ngalinye limiselwe izinxiba-mxhaka zalo.