6 Ngaba kukho indoda esandula ukutyala isidiliya, kodwa ingekavuni kuso? Xa kunjalo ke leyo mayibuy' umva; kungenjalo, xa ithe ayabuya emfazweni, loo wayini yayo iya kuxhanyulwa mntu wumbi.
7 Ngaba kukho indoda elobolayo na apha phakathi kwenu? Xa ikho mayibuye umva; hleze ithi xa kwenzekile ayabuya emfazweni, lowo owayeza kuba ngumkayo atshatwe yindoda yimbi.’
8 “Kwakhona iinduna ziya kubuzisa zithi: ‘Ngaba kukho indoda enentliziyo kanina na apha? Xa kunjalo ke mayibuy' umva, hleze isulele namanye.’
9 Ziya kuthi ke zakukhov' ukwenjenjalo iinduna ezo, ibutho ngalinye limiselwe izinxiba-mxhaka zalo.
10 “Xa uya kuhlasela isixeko, abemi baso qala ubaphe ithuba lokuzinikezela.
11 Xa bathe bavula amasango bezinikezela, bonke baya kuba zizicaka zakho bakusebenzele.
12 Kambe ke xa abemi abo bengafuni kunikezela, bekhetha ukulwa, umkhosi wakho mawusingqinge eso sixeko.