2 kufuneka amadoda amakhulu nabagwebi baye kuloo ndawo afele kuyo, bafike balinganise umgama ukusuka kuloo ndawo ukuya kwiidolophu ezikufutshane.
3 Ke wona amadoda amakhulu aloo dolophu iyeyona ikufuphi kuloo mntu kofuneka akhethe ithokazi lenkomo elingazange lisebenze.
4 Aya kulithatha ke, aye nalo ngasentlanjeni engatshiyo, apho kungazange kwalinywa, afike alaphule ilungu lentamo.
5 Ababingeleli bakwaLevi kofuneka babekho nabo apho, kuba ngabo abanyulwe nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba baqwalasele imicimbi yonqulo, baze bathamsanqele egameni likaNdikhoyo, bade baphicothe bagwebe kwimibandela yeembambano nobugwinta.
6 Onke ke amadoda amakhulu aloo dolophu ikufuphi kufuneka ahlambe izandla phezu kwelo thokazi laphulwe ilungu lentamo,
7 athi: ‘Akagetyengwanga sithi lo mntu, futhi asimazi nomntu oyenzileyo le ntlekele.
8 Awu, Ndikhoyo, nceda, waxolele amaSirayeli owawahlangula eJiputa. Lala ngenxeba usixolele, ungalibeki phezu kwethu eli tyala legazi elimsulwa.’