5 Ababingeleli bakwaLevi kofuneka babekho nabo apho, kuba ngabo abanyulwe nguNdikhoyo uThixo wenu ukuba baqwalasele imicimbi yonqulo, baze bathamsanqele egameni likaNdikhoyo, bade baphicothe bagwebe kwimibandela yeembambano nobugwinta.
6 Onke ke amadoda amakhulu aloo dolophu ikufuphi kufuneka ahlambe izandla phezu kwelo thokazi laphulwe ilungu lentamo,
7 athi: ‘Akagetyengwanga sithi lo mntu, futhi asimazi nomntu oyenzileyo le ntlekele.
8 Awu, Ndikhoyo, nceda, waxolele amaSirayeli owawahlangula eJiputa. Lala ngenxeba usixolele, ungalibeki phezu kwethu eli tyala legazi elimsulwa.’
9 Xa wenze ngokwalo mmiselo kaNdikhoyo ke, uya kuba uzihlambile kwityala lobugebenga.”
10 “Xa uNdikhoyo ekunike uloyiso emfazweni, waza wanabantu obathimbayo,
11 kungenzeka apho kwâbo bantu wena ubone inzwakazi, uze unqwenele ukuyithatha. Yithathe,