16 “Namhlanje ke *uNdikhoyo uThixo wenu uniyalela ukuba niyithobele yonke imimiselo nemithetho yakhe. Ewe, nyanisekani niyithobele ngomxhelo wenu uphela.
17 “Ngokunjalo ke namhlanje niyivakalisile into yokuba uNdikhoyo nguThixo wenu; futhi nithembisile ukuba niya kumthobela, niyenze imimiselo nemiyalelo nemithetho yakhe.
18 Kunamhlanje nje ke uNdikhoyo uyivakalisile into yokuba unamkele naba ngabantu bakhe ncakasana ngokwesithembiso sakhe; ngoko ke uyaniyala, uthi yithobeleni imiyalelo yakhe.
19 Ke yena uya kuniphakamisa, nibe ngaphezu kwazo zonke izizwe awazidalayo, khon' ukuze nityibele nibonga nilizisele udumo nesithozela igama lakhe. Ngenene niya kuba ngabantu bakaNdikhoyo uThixo wenu ngokomlomo wakhe.”