1 UMosis ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli wathi: “Ze niyithobele yonke imiyalelo endininika yona namhlanje.
2 Mhla nayiwela iJordan nangena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wenu, ze nimise amatye amakhulu, niwatyabeke ngefutha,
3-4 niwabhale kuwo onke amazwi alo mthetho. Xa seniwelile nangena kwelo lizwe lobisi nobusi nalithenjiswa nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu, la matye ze niwamise kwintaba iEbhali, niwatyabeke ngefutha ngokwalo myalelo ndininika wona namhlanje.
5 Apho ke ze nakhele uNdikhoyo uThixo wenu iqonga lamadini ngamatye angaqingqwanga ngezixholo zentsimbi.
6 Kaloku iqonga enilakhela uNdikhoyo uThixo wenu kufuneka libe lelamatye angaqingqwanga. Kulapho ke ekufuneka ninikele ngamadini atshiswayo,