14 Lo mnqophiso ke ngokunjalo nesi sifungo uNdikhoyo akasenzi nani kuphela,
15 koko usenza nabo bonke, nabangekhoyo apha namhlanje, ngokunjalo nani nina nimi phambi kwakhe namhlanje.
16 “Niyazi ukuba kwakunjani na kwelaseJiputa; futhi nisayikhumbula indlela esahamba ngayo sicanda kwimihlaba yezinye izizwe.
17 Nayibona nemifanekiso engamasikizi eyenziwe ngomthi, amatye, isiliva, negolide.
18 Lumkani ke hleze kubekho ndoda, mfazi, noba ngumzi, okanye isizwe kwezimi apha namhlanje, esiya kuthi simfulathele uNdikhoyo uThixo, sinqule *oothixo beentlanga. Ze niqiniseke ingaze ibekho phakathi kwenu ingcambu eyityhefu evelisa iziqhamo ezikrakra.
19 Xa umntu ololo hlobo athi akuyiva imiqathango yalo mnqophiso azikhohlise entliziyweni yakhe, athi: ‘Mna andinakuhlelwa nto; ndohlala eluxolweni noxa ndisenza ukuthanda kwam,’ into enjalo ingabangela ukuba kutshatyalaliswe konke nje, olungileyo nongendawo.
20 Ewe, uNdikhoyo akayi kuba natarhu kumntu onjalo. Ndaweni yaloo nto uya kucaphuka, uvuthe umsindo wakhe, zize zithi neziqalekiso ezibhaliweyo apha kule ncwadi zimgubungele, ade ke uNdikhoyo amcime igama kwelimiweyo.