2 UMosis wawahlanganisa ndawonye amaSirayeli, waza wathetha nawo wenjenje: “Nizibonele ngokwenu into eyenziwe nguNdikhoyo kukumkani waseJiputa, nakumaphakathi akhe, nelizwe lakhe liphela.
3 Nizibonile izibetho ezirhwaqelisayo, imiqondiso, nemimangaliso ayenzileyo uNdikhoyo.
4 Kanti unanamhla akaninikanga ingqondo yokuqiqa, namehlo okubona, neendlebe zokuva.
5 Kule minyaka ingamashumi amane ndinikhokela entlango, impahla yenu yokunxiba, ngokunjalo neembadada zenu, azikhange ziguge.
6 Beningenasonka nawayini natywala, kodwa uNdikhoyo unilungiselele, khon' ukuze nimqonde ukuba unguNdikhoyo uThixo wenu.
7 Sithe ke sakufika kulo mhlaba baphuma beza kusihlasela ookumkani uSihon waseHeshbhon nokumkani uOgi waseBhashan. Kambe ke saboyisa.
8 Umhlaba wabo ke sawuthimba, sawahlulela indlu kaRubhen nekaGadi ngokunjalo nesiqingatha sakwaManase.