18 Inene, ngaloo mini ndiya kubafulathela ngenxa yabo bonke ububi ababenzileyo ngokubhenela kwabanye oothixo.
19 “Ngoko ke bhala le ngoma, uyifundise amaSirayeli, ayicule, ibe lingqina lomnqophiso wam kunye nawo.
20 Kaloku ndiza kuwangenisa kuloo mhlaba wobisi nobusi ndathembisa ngawo ooyise-mkhulu. Akuxhamla loo ntlala-kahle osuka akreqe, anqule thixo bambi, andidele, awutyeshele umnqophiso wam.
21 Kweso sithuba ke aya kuhlelwa yintlekele nentlupheko. Ke yona le ngoma iya kuba isaculwa sisizukulwana, ibe lingqina elidandalazisa isono samaSirayeli. Andithi na kaloku, kanye ngoku ndingekawangenisi nokuwangenisa kwelo lizwe ndawathembisa ngalo, sendiyibona imikhwa yawo.”
22 Kwangaloo mini ke uMosis wayibhala ingoma leyo, wayifundisa amaSirayeli.
23 UNdikhoyo ke wamyalela wenjenje noYoshuwa unyana kaNune: “Qina ukhaliphe, kuba nguwe oza kukhokela amaSirayeli, uye kuwangenisa kwelo lizwe ndawathembisa ngalo ngesifungo; ibe ke mna ndiza kuba nawe.”
24 Ke kaloku uMosis wawabhala encwadini amazwi alo mthetho, akashiyelela nento le.