4 UNdikhoyo wathi kuMosis: “Nanko ke umhlaba endathembisa ngawo ngesifungo uAbraham, uIsake, noYakobi, ndisithi ndakuze ndiwunike abazukulwana babo. Ndifuna uwubone nje, kuba wena ngokwakho awuzukuya kungena kuwo.”
5 Ngenene ke uMosis isicaka sikaNdikhoyo wafela apho kumhlaba waseMowabhi ngokomlomo kaNdikhoyo.
6 UNdikhoyo wamngcwaba apho kwiintili zaseMowabhi malunga nedolophu iBhete-pehore. Kambe ke akukho bani uyazi ncam indawo elikuyo ingcwaba lakhe unanamhla.
7 Ukufa kwakhe uMosis wayenekhulu elinamashumi amabini eminyaka, kodwa esomelele, engabikwa hlaba, namehlo akhe engekabi nalo norhatyazo.
8 AmaSirayeli amzilela iintsuku ezimashumi mathathu apho kuloo mathafa aseMowabhi. Zaba ke zifezekile iintsuku zokuzila.
9 UYoshuwa unyana kaNune wazaliswa bubulumko nokuqonda, kuba kaloku uMosis wambeka izandla emngenisa ezihlangwini zakhe. NamaSirayeli ke amthobela uYoshuwa, enza ngokwemiyalelo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo.
10 KwaSirayeli ke akuphindanga kuvele *mshumayeli unjengoMosis, owazana noNdikhoyo ubuso ngobuso.