7 Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba *uthixo waso abe kufutshane kuso njengoko uNdikhoyo uThixo wethu esondele kuthi xa simthandaza?
8 Sisiphi na esinye isizwe esikhulu kangangokuba sibe nemimiselo nemigaqo enjengalo mthetho endiwaneka phambi kwenu namhlanje?
9 Lumkani ke, nizigcine ubomi benu bonke, hleze nikulibale konke enakubonayo ngamehlo enu, kulibaleke nakwiinkumbulo zenu. Ze nibalisele abantwana benu, ngokunjalo nabazukulwana
10 ngalaa mini nanimi phambi koNdikhoyo uThixo wenu kwintaba iHorebhe, apho wathetha nam wathi: ‘Bahlanganise ndawonye aba bantu, ukuze baweve amazwi am, bafunde ukundihlonela nanini na besadla amazimba kweli gada lomhlaba, nokuze bafundise nabantwana babo.’
11 “Kaloku nakha nasondela nafika nema emazantsi entaba eyayigqunywe yintshinyela yomsi, inamalangatye omlilo awayedangazela esibhakabhakeni.
12 UNdikhoyo wathetha nani ekuloo mlilo, naza nakuva ukuthetha kwakhe, kodwa anabi nako mpela ukubona ubuqu bakhe – ibililizwi kuphela.
13 Wawubhengeza kuni umnqophiso wakhe emaniwuthobele, nditsho imithetho elishumi ayibhale kumacwecwe amabini amatye.