6 Emva kwexesha elide wabuya wathi kum uNdikhoyo: “Yiya e-Efrati, ufike uthathe laa bhanti ndandithe yifihle khona.”
7 Ndaya ke, ndafika ndayivumbulula apho ndandiyifake khona. Ndafika sele yonakele, kungasenakwenziwa nto ngayo.
8 Lavakala kum ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
9 “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kwenjenjalo ke ukonakalisa ikratshi lakwaJuda, ikratshi elikhulu laseJerusalem.
10 Aba bantu bakhohlakeleyo, bangandivayo, balawulwa kukuqaqadeka kweentliziyo zabo, bathe phithi kukunqula nokukhonza oothixo basemzini, baza kuba njengale bhanti yelinen kungenakwenziwa nto konke ngayo.
11 Kanye njengokuba ibhanti ithiwa ntshi esinqeni somntu, umzi kaSirayeli uphela kwakunye nokaJuda ndawubophelela kum,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “khon' ukuze babe ngabantu bam, ndizenzele igama ngabo, nodumo neqhayiya, kodwa bona abevanga.”
12 Wathi kum *uNdikhoyo: “Yithi kwaba bantu: ‘Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Wonke umphanda wozaliswa ngewayini.’ Bona ke baya kuthi: ‘Uba asiyazi kakade into yokuba wonke umphanda wozaliswa ngewayini?’