9 “Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kwenjenjalo ke ukonakalisa ikratshi lakwaJuda, ikratshi elikhulu laseJerusalem.
10 Aba bantu bakhohlakeleyo, bangandivayo, balawulwa kukuqaqadeka kweentliziyo zabo, bathe phithi kukunqula nokukhonza oothixo basemzini, baza kuba njengale bhanti yelinen kungenakwenziwa nto konke ngayo.
11 Kanye njengokuba ibhanti ithiwa ntshi esinqeni somntu, umzi kaSirayeli uphela kwakunye nokaJuda ndawubophelela kum,” lowo ngumlomo kaNdikhoyo, “khon' ukuze babe ngabantu bam, ndizenzele igama ngabo, nodumo neqhayiya, kodwa bona abevanga.”
12 Wathi kum *uNdikhoyo: “Yithi kwaba bantu: ‘Utsho uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ukuthi: Wonke umphanda wozaliswa ngewayini.’ Bona ke baya kuthi: ‘Uba asiyazi kakade into yokuba wonke umphanda wozaliswa ngewayini?’
13 Uya kuthi ke wena: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Bonke abemi beli lizwe ndiza kubenza banxile, nditsho iikumkani zabo, ezo zisezihlangwini zikaDavide, ababingeleli, abashumayeli, nabo bonke abantu baseJerusalem.
14 Ndiza kubakhandanisa omnye nomnye, ooyise noonyana, utsho uNdikhoyo. Usizi nenceba nemfesane ndiza kuziphosa ngasemva zingandinqandi ekubatshabalaliseni.’ ”
15 MaSirayeli, *uNdikhoyo uthethile;bekani iindlebe nive,niyeke ukuziphakamisa.